5 Waza ke uIsaya wathi kuHezekiya: “Nali ke ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke:
6 ‘Ngenene kuza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje, liya kuthinjwa, lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala.
7 Abanye kubazukulwana besinqe sakho kanye baya kuthinjwa, baze benziwe amathenwa, babe zizicaka kwibhotwe lokumkani waseBhabheli.”
8 “Eli lizwi likaNdikhoyo ulithethayo lifanelekile,” uphendule watsho uHezekiya. Kaloku wayesithi: “Noko kuya kubakho inzolo nokhuseleko ngemihla yokudla kwam ubomi.”