13 Ngubani ongaze amazi ncam uNdikhoyo,ingubani khona omcebisayo?
14 Kakade uThixo lo ubhenela kubani,ingubani ongamfundisa okusesikweni?Ngubani ke omphokozela ulwazi,aze ambonise indlela yobulumko?
15 Ngenene izizwe zifana nethontsi lamanzi ethungeni,nqwa nothuli azivakali nasesikalini;neziqithi ngokukwanjalo.
16 Amahlathi aseLebhanon akawanele umlilo,neenyamakazi zakhona azilanele idini elitshiswayo.
17 Izizwe zonke azinto kuThixo;yena akazazele nto konke-konke.
18 Angalinganiswa nabani na uThixo?Khona, angafanekiswa nantoni?
19 Akafani nomfanekiso oqingqwa yingcibi,uze utyatyekwe ngegolide ngumnyibilikisi,uhonjiswe ngamakhonkco esiliva.