16 Amahlathi aseLebhanon akawanele umlilo,neenyamakazi zakhona azilanele idini elitshiswayo.
17 Izizwe zonke azinto kuThixo;yena akazazele nto konke-konke.
18 Angalinganiswa nabani na uThixo?Khona, angafanekiswa nantoni?
19 Akafani nomfanekiso oqingqwa yingcibi,uze utyatyekwe ngegolide ngumnyibilikisi,uhonjiswe ngamakhonkco esiliva.
20 Ihlwempu elingenasiliva nagolidelithatha umthi ongàdliwayo yimpehla,lifune ichule lomchweli,lona loqingqa umfanekiso ongashukumiyo.
21 Ngaba anazi na?Ngaba zange nive na?Zange nixelelwe na kwamandulo?Anikuqaphelanga ukusekwa kwehlabathi?
22 Kaloku ladalwa ngulo ungqendeve esihlalweniemajukujukwini ngaphaya kwesibhakabhaka;kuye uluntu olu lunjengentothoviyane.Ngumtwabululi-sibhakabhaka njengomkhusane,asaneke njengentente yokuhlala.