7 Umchweli ukhuthaza umnyibilikisi,nàlo ugudisa umfanekiso ukhuthaza lo uwudibanisayo.Uthi: “Hayi, ngunonca!”Batsho babethelele isikhonkwane, uqine nkqi umfanekiso.
8 “Ke wena, sicaka sam Sirayeli,nditsho wena, ndlu kaYakobi,wena uluhlanga endilunyulileyo,uyinzala yesihlobo sam uAbraham.
9 Ndakulanda eziphelweni zehlabathi,ndakubiza kwiindawo ezisekudeni,ndaza ndathi: ‘Usisicaka sam.’Andikubukulanga; ndakunyula.
10 Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.Ndiza kukomeleza ndikusize,amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.
11 “Ke bona abo bakusunduzayo baya kuhlaziswa;ewe, abakulwayo soze babe nto.
12 Iintshaba zakho uya kuzifuna,kambe ke sobe uzifumane.Abalwa nawe bophel' emehlweni.
13 Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’