1 Ngoku ke *uNdikhoyo, umdali wakho, Yakobi, nombumbi wakho, Sirayeli, uthi:“Uze ungaxhali wena, ndikuhlawulele;ndikubize ngegama, ungowam ncakasana.
2 Noba sewucand' emanzini,mna ndiya kuba nawe;noba sowuwela imilambo,ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;amadangatye akanakukutshisa wena.
3 Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho,uYedwa kaSirayeli, uMhlanguli wakho.Ndinikezela ngeJiputa ukukuhlawulela;iKushe neSebha zothath' indawo yakho.
4 Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!Ndincam' izizwe ngenxa yakho;ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.
5 Uze ungaxhali, ndinawe mna;inzala yakho ndoyiqokelela empumalanga,nina ndiniphuthume nasentshonalanga.
6 Kwelasentla ndothi: ‘Bakhulule bagoduke,’kwelasezantsi ndithi: ‘Ungabathinteli.’Oonyana bam babuyise kwelikude,neentombi zam eziphelweni zehlabathi,
7 nditsho wonke umntu obizwa ngegama lam,wonke endamdalela udumo lwam,wonke endambumbayo ndamenza.”