18 Abantu abanjalo ke zizititsi ezingayaziyo into eziyenzayo. Amehlo nengqondo yabo ivaleke mba; abayazi inyaniso.
19 Umntu oqingqa umfanekiso aze awunqule uncitheke kangangokuba angabi nabuganga bakuthi: “Ikwangulo mthi lo ndiwubasayo ndipheke ngawo, ndize ngokunjalo ndose inyama ndiyitye. Ndingathini ukwenza kwangawo intw' enezothe, ndize ndikhahlele isikhuni somthi?”
20 Ufana nomntu otya uthuthu. Ubhanxeke mpela; ngoku uyaphuphutheka, futhi akukho buyambo. Kaloku akavumi ukuba le nto ayiphetheyo ngamampunge.
21 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Zikhumbule ezi zinto kaloku, Yakobi;kaloku wena usisicaka sam, Sirayeli.Ndakudalela ukuba ube sisicaka sam;ndaye ke andisoze ndikulibale.
22 Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;isono sakho sithe shwaka okwenkungu.Buyela kum; ndim umkhululi wakho.”
23 Memelelani ngemihlali, mazulu;mazidume kaloku neenzonzobila.Ngqungqani nisine, nani zintaba,ningqiyaze nani, mithi yamahlathi.Kaloku uNdikhoyo uzibonakalisile;ewe, ukukhulule, wena Yakobi;utyhile amandla akhe ngawe, Sirayeli.
24 UMkhululi wakho uNdikhoyo uyathetha;yena owakubumbayo kwasesizalweni uthi:“NdinguNdikhoyo uMenzi weento zonke;ndim owawatwabululayo amazulu,ikwandim owawolulayo umhlaba;ewe, zange ndincedwe bani.