15 Thixo kaSirayeli, uyabahlangula abantu bakho;wena unguThixo ofihlakeleyo.
16 Abaqingqi *bemifanekiso basehlazweni;ngenene ke bona bonyoshoza bephoxekile.
17 Ke yena uSirayeli wahlangulwa nguNdikhoyo;olwakhe usindiso lohlala luhleli;yena akasoze ahlazeke aphoxeke nanini nanini.
18 UNdikhoyo nguye umdali wamazulu;ngenene nguye oyena-yena Thixo.Ihlabathi eli labunjwa nguye;walenza waza walizinzisa.Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo;walenzela ukuze limiwe luluntu.Yena ke uthi: “Ndim uNdikhoyo;akukho Thixo wumbi.
19 Ewe, mna andithethanga ekusitheleni,nenjongo yam andizange ndiyifihle.Mna andiyixhamlanga indlu kaYakobi,ndingatshongo nokuba mayindifune enkqantosini.NdinguNdikhoyo; mna ndiyayithetha inyaniso,mna ndiyakuvakalisa oko kuqinisekileyo.
20 “Qokelelanani, nonke zizwe;nditsho nina, mingqandanda esindileyo.Yizani kaloku nizokuxoxa,bantundini bazizityhakala ezingazi nto,nina batyethe imifanekiso yomthi,nina banqula *oothixo abangento yanto.
21 Yizani kuxoxa enkundleni;mabathetha-thethane abamangalelwa.Ngubani owayixela kwamandulo le nto?Ngubani owayivakalisa ingekenzeki?Asindim na Ndikhoyo?NdinguThixo osindisayo, olilungisa;ngaphandle kwam akukho Thixo.