19 Ewe, mna andithethanga ekusitheleni,nenjongo yam andizange ndiyifihle.Mna andiyixhamlanga indlu kaYakobi,ndingatshongo nokuba mayindifune enkqantosini.NdinguNdikhoyo; mna ndiyayithetha inyaniso,mna ndiyakuvakalisa oko kuqinisekileyo.
20 “Qokelelanani, nonke zizwe;nditsho nina, mingqandanda esindileyo.Yizani kaloku nizokuxoxa,bantundini bazizityhakala ezingazi nto,nina batyethe imifanekiso yomthi,nina banqula *oothixo abangento yanto.
21 Yizani kuxoxa enkundleni;mabathetha-thethane abamangalelwa.Ngubani owayixela kwamandulo le nto?Ngubani owayivakalisa ingekenzeki?Asindim na Ndikhoyo?NdinguThixo osindisayo, olilungisa;ngaphandle kwam akukho Thixo.
22 “Khangelani kum nisindiswe,nina zizwe zehlabathi liphela.Kaloku ndim uThixo, akukho wumbi.
23 Ngenene ndiyafunga,yaye esam isifungo sinyanisekile;ewe, sona soze siguquke:Zonk' iintlanga zokhahlela kum,zifunge ukuba zondithobela.
24 Zovuma zithi: ‘KukuNdikhoyo kuphela ukuzuzwa kosindiso namandla.’ ”Ke bona abamthiyileyo bohlazeka.
25 Kodwa ngenxa kaNdikhoyo yonk' inzala kaSirayeli yogwetyelwaize imdumise.