7 Ndikudalile ukukhanya,kanti ke nobumnyama;ivela kum impumelelo,ngokunjalo neshwangusha;ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.
8 Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,ke wona umhlaba uya kulwamkelakutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”
9 Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?
10 Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,athi: “Nindizalele ntoni?”
11 *UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,umdali wakhe, uthi:“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,nindinkqangise ngabantwana bam,nide nindixelele ngemfanelo yam?
12 Ndim owalenzayo ihlabathi;ndim owadala uluntu kulo;ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;ndiyayilawula inyambalala yawo.
13 Ngobulungisa bam ndim oxhokonxe uKoreshi;ndoyityeneneza indlela ayihambayo.Isixeko sam iJerusalem wobuya asivuse;uza kubakhulula abantu bam abathinjiweyo.Loo nto woyenza ngaphandle kwembuyekezo;kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla-onke.”