12 “Bambelela kuloo makhubalo nezo ziphondo,njengoko kaloku walunyulelwa kuzo!Hleze kuthi kanti zisenokunceda;mhlawumbi ngazo ungazigrogrisa iintshaba.
13 Namacebiso lawo akuqobile;mabeze kaloku oosiyazi bakuhlangule,nditsho abo bacalula iinkwenkwezi,abo bazoba amazulu ngezigaba zawo,abo baphicotha ubume benyanga nganye,baze bambulule baxele izinto ezizayo.
14 Bona baza kufana nemvuthuluka yengca,kuze kuthi gqi umlilo ubatshise.Sobe babe nako nokuzihlangula;amadangatye onqanqaza batsho bathi shuu!Kaloku lowo asinguwo umlilo wokothiwa.
15 Usizo lwazo luphelel' apho ezo zazi zakho walunyulelwa kuzo.Zonke zophephetheka ngeendlela zazo,kube kungekho bani ungakuhlangulayo!”