4 UMkhululi wethu nguYedwa kaSirayeli;igama lakhe nguNdikhoyo uSomandla-onke.
5 UNdikhoyo uthi:“Yithi cwaka, ntombindini Bhabheli, uhlale ebumnyameni.Kaloku wena ngoku akusayi kuthiwa uyikumkanikazi yezizwe.
6 Besendinomsindo ngakubantu bam;ndide ndalishwabulela ilifa labo;suka ndabayekela esandleni sakho.Ke wena awubanga nanceba konke,neengwevu usuke wagadalala nakuzo.
7 Ubusithi wena woba sisimakade,uhlale uhleli uyikumkanikazi.Khange uzikhathaze nganto;khange uzidube nangokujonga isiphelo.
8 “Phulaphula ke, wena mthandi weziyolo;nditsho wena uzicingela ukuba ukhuselekile,nditsho wena uzilinganisa noThixo,wena othi nguwe okhoyo, akukho wumbi.Ubusithi wena soze ube mhlolokazi;soze ulahlekelwe bantwana.
9 Kodwa ngephanyazo nje – ngamini-nye –ilahleko yabantwana kunye nobuhlolokaziiza kukufikela nawe zikho ezo ngwebedla zakho,ekho loo makhubalo akho namaqwili;ewe, zofika ziphelelise.
10 Ubusithi uza kukhuselwa yinkohlakalo;usithi akukho bani ukubonayo.Ubulumko bakho nolwazi bukulahlekisile;usitsho nje ukuthi nguwe okhoyo, akukho wumbi.