15 Kaloku ndim ngokwam endathethayo,ndim endambizayo, ndamthi jize ngempumelelo.
16 Khawusondele ke uphulaphule.Kwasekuqaleni ndathetha ngokuphandle,futhi nokufezeka kwazo kokwam.”Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo undithumile,wandixhobisa ngoMoya wakhe.
17 Utsho ke *uNdikhoyo,uMkhululi wakho,uYedwa kaSirayeli:“Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Ndikufundisa nje kaloku ndiyakunceda;ndikufaka endleleni ekufaneleyo.
18 Akwaba wawuyiphulaphule imiyalelo yam.Ngelumpompoza njengamanzi uloyiso lwakho,budlobe okwamaza ubulungisa bakho.
19 Ngeba ke namhlanje inzala yakho yinyambalala engenakubalwa,lingaze linqanyulwe igama lakho,kananjalo lingaze litshabalale.”
20 Phuman' eBhabheli; washiyeni amaKaledi!Bhengezani ngemihlali;ewe, memezani nazis' abantu bonke, nithi:“UNdikhoyo usihlangule isicaka sakhe uYakobi.”
21 Ngokuya wayebakhokela kwinkqantosi ebharhileyoabantu bakhe zange bafe lunxano;wabakhuphela amanzi eliweni,suka waliqhekeza, aza ampompoz' amanzi!