4 Kambe ke wena bendisazi ukuba uneenkani nqwa nesele,ntondini eqinis' intamo,lityendini lenyengane!
5 Kungoko ndazibhengeza kwakudala ezi zinto,izehlo ndazixela ngaphambi kokuba zenzeke,khon' ukuze wena ungabi nako ukuthi leyo yimisebenzi *yezithixo ozinqulayo.
6 Konke endakuxelayo kwenzekile.Vuma kaloku!Kanti ke ngoku ndiza kuxela into entsha,imfihlakalo eningazange nayazi.
7 Ewe, ndiyidala ngoku;into enje zange yenzeke ngaphambili.Okanye ke ngowusithi ubuyazi kakade.
8 Zange uve uqonde nakuqonda,kuba ubungenako kakade.Bendikwazi ukuba wena awuthembekanga;ndiyakwazi ukuba ungumvukeli owaziwayo.
9 Ngenxa yegama lam ndibuya nganeno ngomsindo;ngenxa yodumo lwam ndiyazithibazaukuze ndingakutshabalalisi.
10 Andinivavanyanga eziko okwesiliva,kodwa ndinivavanye ngehambo-nzima.