1 I-i-i-nzwi! Bekan' iindlebe, zizw' ezikude!Yivani ke, nina nto zihlal' ekudeni!*UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga;ewe, wandikhankanya ndingekazalwa.
2 Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele;ewe, yena wandifumbatha ngesandla,wandicikiza ngathi uhombisa utolo,wandithi xhwa sendilind' umayenzeke.
3 Ke yena wathetha nam, wathi:“Wena usisicaka sam, Sirayeli;ngawe ndibhengeza ubungangamsha bam.”
4 Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize;umzabalazo wam ungamampunge.Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo;nguThixo wam oya kundibuyekeza.”