12 Bona bothi gqi kwelikude –nditsho kwelasentla nasentshonalanga –bophum' eSinim kwelasezantsi.”
13 Memelelani ngovuyo, nina mazulu;yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;hlokomani nivume, nina zintaba!Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.
14 Ke yena uZiyon uthi:“Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele;iNkosi isuke yandilibala.”
15 Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?Noba ke yena angade amlibale,okokwam ke mna soze ndikufulathele,
16 kuba igama lakho ndilivambile,ndilithe tyaba esandleni sam;iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.
17 Bayeza oonyana bakho;baza kuphinda bakuvuse;abakutshabalalisayo bayemka.
18 Khawulaqaze uqwalasele:nâbo oonyana bakho bexhontelana;nâbo bebuya begxalathelana.Ndiyafunga mna Thixo ophilayo,nawe wozingca ngoonyana bakho,uxel' umtshakazi ngobuyoko-yoko bakhe.