21 Uya kwandula ke uthi:‘Ndibathathe phi abantwana abangaka?Ndandingaphathi, ndiludlolo;kaloku ndathinjwa ndagxothwa.Kambe ke bakhuliswe ngubani aba?Mna ndasala ndiyimpula kalujaca,ngaba luphuma phi na usapho olungaka?’ ”
22 UMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Ndiya kuzikhweba iintlanga,ndiziphakamisele imbasa yam izizwe,zitsho zize nalo usapho lwakho,zibabeleke oonyana bakho,zizifunqule iintombi zakho.
23 Ookumkani boba ngabondli bakho,ookumkanikazi babe ziineni zakho;bothi vovololo, benik' imbeko kuwe,borhuqa phantsi ngentlonipho,utsh' uqond' ukuba ndinguNdikhoyo,soze badane abo bathembela ngam.”
24 Ungalohlutha na ixhoba lejoni?Ungamkhulula na umthinjwa kulowo umthimbileyo?
25 Kambe yena uNdikhoyo uthi:“Yiloo nto kanye eza kwenzeka:amaxhoba othathwa kumajoni,abathinjwa bakhululwe kubathimbi.Baxabene nam abo balwa nawe;usapho lwakho lona ndiluhlangule.
26 Abakucinezelayo ndobatsho bavukelane;boqumba babe ngoomnqay' ulambile,noluntu lonke lutsho lundiqondeukuba ndinguNdikhoyo okusindisayo,mna Mkhululi wakho, iNgangamsha kaYakobi.”