Uisaya 49:4-10 XHO96

4 Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize;umzabalazo wam ungamampunge.Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo;nguThixo wam oya kundibuyekeza.”

5 UNdikhoyo owandibumba esizalweni,wandenza isicaka sakhe,ukuze ndibuyisele uYakobi kuye,ndiphuthume uSirayeli owabhacayo.Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo;amandla am ampompoza kuThixo wam.

6 UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi,uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo,koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga,ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele.”

7 UYedwa, uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,lowo unguMkhululi wakhe,uthi kulowo udelwe mpela-mpela,nditsho lowo ucatshukelwayo zizizwe,lowo usisicaka seziphathamandla:“Izikumkani ziya kukubona;ewe, ziya kuphakama zikhahlele,namatshawe aya kuvova ee guqaqa!”Yonke loo nto ke iza kwenzekakuba uNdikhoyo ekunyule wena ukuze ube sisicaka sakhe,nditsho uThixo onguYedwa kaSirayeli othembekileyo.

8 *UNdikhoyo uthi:“Ayeza amathuba akholekileyo,imihla yokusindiswa.Ke mna ndiya kukusiza,ndisabele ndakuva uzibika.Ndiya kukwalúsa ndikukhusele,ngawe ndenze umnqophiso nabantu.Ngawe ndolibuyisela kubantu bam ilizwe,ndilabe eliyinkangala libe lilifa,

9 amabanjwa uwathethele uthi:‘Yinkululeko; khululekani;’uthi kwabo basebumnyameni:‘Phumani, nize ekukhanyeni.’“Bona baya kutya ngasezindleleninjengeegusha ezitya ezindulini.

10 Abayi kubuya balambe banxanwe;ilanga lentlango aliyi kubenzakalisa.Baya kwaluswa ngulowo unovelwano,abakhokelele kwimithombo empompozayo.