2 Ndakufika akubangakho bani undamkelayo;ndaba ngamemeza akwasabela mntu.Ngaba imfutshane na ingalo yam?Ngaba andinako na ukukukhulula?Mhlawumbi makube andinamandla na ukuze ndikusindise?Ndithi ndingakhalima lome qoko ulwandle,imilambo itsho ibharhe,iintlanzi zife kukunqaba kwamanzi;yeka ke elo phunga!
3 Isibhakabhaka ndisivathisa ngobumnyama,amazulu anxibe ezokuzila.”
4 UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe,ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo.Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphulenjengalowo ufundiswayo.
5 UMhlekazi uNdikhoyo undivule ingqiqo;nam ke zange ndivukelane naye,ngenene zange ndirhoxe kuye.
6 Ndazinikezela kwabo bandibethayo,kwabo banditsala-tsalayo, bencothula intshebe yam,bephatha kunditshicela ebusweni bendinyelisa.
7 Kaloku uMhlekazi uNdikhoyo uyandisiza;ngoko ke andiyi kuhlazeka.Ndikulungele ukunyamezela;ewe, andisayi kudana.
8 UThixo ondithethelelayo ukufuphi nam;yena wosuka andigwebele.Ngubani ke ongade andimangalele?Makeze kaloku, siye enkundleni;makachaze izityholo andibeka zona.