2 Khanicinge ngoAbraham inyange,nangoSara yena ungumawokhulu.Ndambiza eyedwa kuphela,ndaza ndamsikelela waba sisizwe.
3 Inene uNdikhoyo woyithuthuzela iZiyon,akhathazeke ngenxa yamabhodlo ayo.Elibharhileyo wolijika libe ngumyezo,nentlango ibe njengomyezo waseIdeni,khona kulawule uvuyo nemincili,ibe yintsholo yengoma yokudumisa.
4 “Ndiphulaphuleni ke, bantu bam,nibek' iindlebe, sizwe sam.Mna ndowisa umthetho;ulawulo lwam lukhanyisele izizwe.
5 Ngokukhawuleza ndiza kuhlengahlengisa;usindiso lwam lusendleleni;izizwe zolawulwa ndim ngenkqu.Kaloku nezikude zindilindele;nazo zikholose ngamandla am.
6 Khanijonge amazulu phezulu,nijonge umhlaba phantsi.Amazulu othi pheselele njengomsi,umhlaba uguge njengengubo,abantu bafe njengeempukane.Ke lona usindiso lwam lohlala luhleli;ubulungisa bam soze buthini.
7 “Ndiveni, nina babaziyo ubulungisa,luhlangandini lunomthetho wam entliziyweni.Sanukuzihlupha ngâbo baninyelisayo,ningazidubi nangabo banithukayo.
8 Bonyamalala ngathi yingubo edliwe ngamanundu,ngathi buboya begusha obudliwe ngumbungu.Ubulungisa bam bona boma bumi;usindiso lwam lukwizizukulwana ngezizukulwana.”