4 “Ndiphulaphuleni ke, bantu bam,nibek' iindlebe, sizwe sam.Mna ndowisa umthetho;ulawulo lwam lukhanyisele izizwe.
5 Ngokukhawuleza ndiza kuhlengahlengisa;usindiso lwam lusendleleni;izizwe zolawulwa ndim ngenkqu.Kaloku nezikude zindilindele;nazo zikholose ngamandla am.
6 Khanijonge amazulu phezulu,nijonge umhlaba phantsi.Amazulu othi pheselele njengomsi,umhlaba uguge njengengubo,abantu bafe njengeempukane.Ke lona usindiso lwam lohlala luhleli;ubulungisa bam soze buthini.
7 “Ndiveni, nina babaziyo ubulungisa,luhlangandini lunomthetho wam entliziyweni.Sanukuzihlupha ngâbo baninyelisayo,ningazidubi nangabo banithukayo.
8 Bonyamalala ngathi yingubo edliwe ngamanundu,ngathi buboya begusha obudliwe ngumbungu.Ubulungisa bam bona boma bumi;usindiso lwam lukwizizukulwana ngezizukulwana.”
9 Hoyina, Ndikhoyo! Sihlangule!Xhoba ngamandla akho usihlangule;makube njengemihla yamandulo.Kaloku nguwe owahlanganisela inabulele;nguwe owamqwenga-qwengayo uRahabhi.
10 Nguwe owalomisayo nolwandle;nguwe owavula indlela enzonzobileni,baza badlula abakhululwa bakho.