1 Vuka! Vuka, Ziyon!Khawuvath' amandla nokomelela;khawufak' ezingayiwayo ngokundileka.Awu, Jerusalem, sixekondini esingcwele,kula masango soze babe sangena abangalukanga nâbo *bagqwalisekileyo.
2 Vuk' uvuthulul' uthuli olo;mbanjwandini Jerusalem, khululeka.Thukulul' amakhamandel' akukhonkxileyo,ungqendeve, mthinjwandini Ziyon.
3 UNdikhoyo uthi:“Ukungena kwenu ebukhobokeni zange nihlawulelwe,ngoko ke naxa nikhululekayo akuyi kwenziwa mrhumo.”
4 Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Kuqala abantu bam bâya kuhlala eJiputa;kamva ke bangena phantsi kwedyokhwe yama-Asiriya.
5 Ngoku ngaba yiyiphi ke le imeko?” utsho uNdikhoyo.“Kaloku abantu bam baqweqwedisiwebangena ebukhobokeni ngaphandle kwentlawulo,nabaphathi babo baphoxisa ngabo.Igama lam lihlala linyeliswa imihla yonke.
6 Kwithuba elizayo abantu bam baya kulazi igama lam,baqonde ukuba ndim owatshoyo,ewe, ndim kanye!”