3 UNdikhoyo uthi:“Ukungena kwenu ebukhobokeni zange nihlawulelwe,ngoko ke naxa nikhululekayo akuyi kwenziwa mrhumo.”
4 Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Kuqala abantu bam bâya kuhlala eJiputa;kamva ke bangena phantsi kwedyokhwe yama-Asiriya.
5 Ngoku ngaba yiyiphi ke le imeko?” utsho uNdikhoyo.“Kaloku abantu bam baqweqwedisiwebangena ebukhobokeni ngaphandle kwentlawulo,nabaphathi babo baphoxisa ngabo.Igama lam lihlala linyeliswa imihla yonke.
6 Kwithuba elizayo abantu bam baya kulazi igama lam,baqonde ukuba ndim owatshoyo,ewe, ndim kanye!”
7 Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,sipheth' iindaba ezimnandi,sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:“UThixo wakho uyalawula.”
8 Abalindi batsho ngentswahla,batsho ngenzwinini yovuyo ngazwi-nye.Kaloku ngoku sebebona ngamehlo;nanko uNdikhoyo engena eZiyon!
9 Dandulukani ngemivuyo nemincilinani ke, mabhodlo aseJerusalem.UNdikhoyo wobathuthuzela abantu bakhe,ayikhulule iJerusalem.