1 Ngenene isandla *sikaNdikhoyo asisifutshaneukuba ade angabi nako ukumhlangula umntu.Ewe, yena akasiso isithuluukuba ade angeva.
2 Nto nje ubugwenxa benu bungumqobo;buthe zinzi phakathi kwenu noThixo.Ewe, zizono zenu ezimsithayo uThixo kuni,yiyo nale nto ngáthi akaniva.
3 Izandla zenu zidyojwe ligazi,neminwe yenu inkone kukona.Ngemilomo yenu niyaxoka,kananjalo nithulula inkohlakalo.
4 Akukho ukhathalele ubulungisa;xa bemangalelana bubuqhophololo bodwa.Bakholosa ngenkohliso nobuxoki;bakhawula inkathazo, bazale inkohlakalo.
5 Baqandusela amaqanda erhamba,batsho ngobobo lwamayelenqe.Maqanda lawo ke ayityhefu –lithi lingakroboka kuthi gqi irhamba.
6 Amayelenqe abo akancedi mntu;ewe, akambathwa njengengubo.Imisebenzi yabo ngamanyondololo;ngezandla zabo basebenza ububhoja.