10 Siyaphuthaphutha ngathi siziimfama;siyaphampatha ngathi asinamehlo.Sikhubeka emini ngathi kusebusuku,kwabaphilayo ngathi singabafileyo.
11 Sibhomboloza ngathi singamarhamncwa;sitsho ngesimbonono ngathi ngamahobe.Sibe ngafuna ukulungiselelwa, kungabikho;sakuthalaza usindiso suka lube ziinkwenkwezi.
12 “Ndikhoyo, sikone ngokuphinda-phindeneyo;izono zethu nâzo zisimangalela.Ewe, ngenene singabakreqileyo;siyabuqonda yaye sibuvuma ubugwenxa bethu.
13 Sikuvukele ngobuqhetseba, wena Ndikhoyo;suka safulathela asamlandela uThixo wethu;suka saphul' izikeyi, sifuth' ingcinezelo,sayil' inkohliso, satheth' ubuxoki.
14 Ngoku ke umthetho urhoxile,nobulungisa bumele qelele.Phandle phaya inyaniso iyaphephetheka,nokunyaniseka akungeni ndawo.
15 Ewe, inyaniso yafuduka mpela-mpela;oshiy' ububi uzibhaqa elixhoba.”Akukhangela *uNdikhoyo suka wakhathazekaakubona umthetho unyathelwa ngeenyawo.
16 Akukhangela akabonanga mncedi konke,suka wakhathazeka kwakungabikho mlamli.Ngoko ke suka waxhabasha ngamandla akhe asindisayo,ukuze azuze uloyiso ngobulungisa bakhe.