12 “Ndikhoyo, sikone ngokuphinda-phindeneyo;izono zethu nâzo zisimangalela.Ewe, ngenene singabakreqileyo;siyabuqonda yaye sibuvuma ubugwenxa bethu.
13 Sikuvukele ngobuqhetseba, wena Ndikhoyo;suka safulathela asamlandela uThixo wethu;suka saphul' izikeyi, sifuth' ingcinezelo,sayil' inkohliso, satheth' ubuxoki.
14 Ngoku ke umthetho urhoxile,nobulungisa bumele qelele.Phandle phaya inyaniso iyaphephetheka,nokunyaniseka akungeni ndawo.
15 Ewe, inyaniso yafuduka mpela-mpela;oshiy' ububi uzibhaqa elixhoba.”Akukhangela *uNdikhoyo suka wakhathazekaakubona umthetho unyathelwa ngeenyawo.
16 Akukhangela akabonanga mncedi konke,suka wakhathazeka kwakungabikho mlamli.Ngoko ke suka waxhabasha ngamandla akhe asindisayo,ukuze azuze uloyiso ngobulungisa bakhe.
17 Uthe gaxa ubulungisa esifubeni,watsho ngomnqwazi wosindiso entloko.Ewe, kaloku uvath' impindezelo,wada wazithándela ngekhwele.
18 Abantu wobohlwaya ngokwezono abazenzileyo;iintshaba uza kuziphakel' ingqumbo,abalwa naye ababel' impindezelo,ade aye kuqhina nakwabo bakude.