1 Ngonyaka awasweleka ngawo ukumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli kwibhotwe layo eliphakamileyo nelizimasekileyo. Yayizithe wambu ngomnweba owawulurhululu lomwundu-wundu owalitsho lazala qhu elo pomakazi liyindlu yayo.
2 Yayiphahlwe *zizithunywa ezimaphiko ngamathandathu. Ngasinye-ngasinye kuzo, isibini samaphiko sasigqume ubuso, isibini sambathise iinyawo, ukanti ke ngala mabini aseleyo sasiphaphazela.
3 Zazikhwazana zixelelana zisithi:“Hay' isidima, ayisosidima, ayisosidima *kuNdikhoyo uSomandla-onke!Ubungangamsha bakhe bulizalisile ihlabathi jikelele!”
4 Ke kaloku eso sandi samazwi azo sazitsho zazama-zama iziseko zelo pomakazi; asisathethi ke ngomsi owawulapho, kuba wawubophe kulitsili nje!