9 Ke yona yathi: “Yiya kwaba bantu, uthi kubo:“ ‘Niya kuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;niya kujonga nijonge, kodwa ningaboni nto!’
10 Iqhube yenjenje:‘Yenze gqathu-gqathu ingqiqo yaba bantu;iindlebe zabo uzivale zivingceke tu,namehlo abo ke uwavale mba,hleze babone ngamehlo abo,okanye beve ngeendlebe zabo,mhlawumbi baqiqe ngeengqondo zabo,nto leyo ke iya kubenza basuke beze kum banyangeke.’ ”
11 Ndibuzile ke mna ndathi:“Koda kube nini na kunje, Mhlekazi?”Ke yena undiphendule wenjenje:“Izixeko zoda zibe ngamabhodlo;ewe, koda kukhal' ibhungane,imizi ingahlalwa bani mpela,nomhlaba ubhuqeke ube yinkangala.
12 Ewe, xa bebonke ndiya kubafudusa,kulo mhlaba kusale kukwanti-zitshile.
13 Noba kungakho mngqandanda usalayo,nawo ngokwawo uya kutshitshiswa kuthi tu!Kambe ke uya kufana nomterebhinte nom-oki,mithi leyo ivelisa ihlumelo yakugawulwa.Kananjalo ke isiphunzi sohlanga siya kuba nalo ihlumelo.”