10 KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi:“Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga,izikumkani zazo ke zona zikuququzelele.Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo,ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.
11 Amasango akho ohlala evulwe ng'aa!Imini nobusuku wona soze avalwe,ukuze abantu bakuzisele ubutyebi bezizwe,izikumkani zazo ziluludwe,zona zingumngcelele wabathinjwa.
12 Ke sona isizwe ndawonye nookumkanibonke abangakubusiyo botshabalala;baya kuvuthululwa baphele tu.
13 “Iqhayiya lamahlathi aseLebhanon loza kuwe,imithi yesipresi, umpleyini, nompayini,yoziswa kuhonjiswe ngayo indlu kaThixo,ukuze umzi wakhe undiliseke.
14 Baya kuza abo babekade bekucinezela,bafike bakhahlele babuse kuwe.Nabo bonke abebekade bekudelile baya kuwisa kuwe bekhahlela,besithi wena usisixeko sikaNdikhoyo,iZiyon kaYedwa kaSirayeli.
15 “Nangona ushiyiwe uthiyiwe,kungasekho bani udlulayo,ndiya kukwenza iqhayiya laphakade,uvuyo lwezizukulwana ngezizukulwana.
16 Izizwe nezikumkani ziya kukuququzelela,zifane nomfazi okhulisa usana lwakhe.Nawe ke uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo okusindisileyo,wazi ukuba ngenene ukhululwe yiNgangalala enguThixo kaYakobi.