7 Zonke iigusha zakwaKedare zoba zezakho;wosebenzisa iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti.Zona ziya kutsho ngamadini amkelekileyo eqongeni lam;ndoyihombisa indlu yam enesihomo.
8 Zinto zini ezi zibhabha njengamafu,ezi zingathi ngamahobe egoduka?
9 Ziinqanawe ezivela emazweni,kukhokel' ezaseTashishe –nâzo zigodusa abantu bakaThixo.Beza bepheth' igolide nesiliva;ngazo badumisa igama likaNdikhoyo.Lowo ke nguThixo oyedwa kaSirayeli,yena unithe jize ngesihomo nesithozela.
10 KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi:“Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga,izikumkani zazo ke zona zikuququzelele.Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo,ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.
11 Amasango akho ohlala evulwe ng'aa!Imini nobusuku wona soze avalwe,ukuze abantu bakuzisele ubutyebi bezizwe,izikumkani zazo ziluludwe,zona zingumngcelele wabathinjwa.
12 Ke sona isizwe ndawonye nookumkanibonke abangakubusiyo botshabalala;baya kuvuthululwa baphele tu.
13 “Iqhayiya lamahlathi aseLebhanon loza kuwe,imithi yesipresi, umpleyini, nompayini,yoziswa kuhonjiswe ngayo indlu kaThixo,ukuze umzi wakhe undiliseke.