1 Akwaba ubungawakrazul' amazulu,uhle esibhakabhakeni,khon' ukuze neentaba zitsho zinyikime,
2 kutsho kube ngathi ngumlilo weentsasa,kube ngathi ngumlilo ubilisa amanzi.Yiza, zitsho neentshaba zakho zikuqonde,nezizwe zitsho zingcangcazele kukoyika,
3 uxelise ngokuyâ wakha wenza iziqwenga.Kaloku ngoko wasiqubula singalindele;ewe, wena wasiqubula warhiwula,zatsho neentaba zothuka zangcangcazela.
4 Kwamandulo akukho bani wakha weva;kwakudala akakho owakha wambona nanini na uThixo onjengawe lo,obancedayo abantu abakholosa ngaye.
5 Kaloku wena ubahlangabeza ngoncedobonke abazinikezele ekwenzeni okulungileyo,abo ke bazikhumbulayo iindlela zakho.Sakuqhubela phambili sikuchasa wakhathazeka.Yaz'ba sohlangulwa kanjani na ke?