4 Kwamandulo akukho bani wakha weva;kwakudala akakho owakha wambona nanini na uThixo onjengawe lo,obancedayo abantu abakholosa ngaye.
5 Kaloku wena ubahlangabeza ngoncedobonke abazinikezele ekwenzeni okulungileyo,abo ke bazikhumbulayo iindlela zakho.Sakuqhubela phambili sikuchasa wakhathazeka.Yaz'ba sohlangulwa kanjani na ke?
6 Sonke sifana nalowo ungahlambulukanga;ewe, neyona misebenzi yethu yobulungisa:mh-mh-mh, ilizothe phambi kwakho!Sisuke sashwabana njengegqabi liphetshethwa ngumoya;ngokunjalo izono zethu zisiqweqwedisile.
7 Kaloku akusekho mntu ukunqulayo;ewe, akasekho obalekela kuwe.Kaloku wena ngoku usifulathele;usishiye ukuze siqwengwe zizono zethu.
8 Kambe ke, unguTata, wena Ndikhoyo.Ke thina siludongwe;wena ke ungumbumbi,thina singumsebenzi wezandla zakho.
9 Ungàqumb' ud' uqalekise, Ndikhoyo;nceda ungasixhibi ngezono esizenzileyo.Siyakuthandaza, noko buya nganeno;kaloku sonke singabantu bakho.
10 Kwizixeko zakho zegugu kusenkangala;nkqu neZiyon ikhal' ibhungane,neJerusalem ngokwayo ngamabhodlo.