19 Nam ndoba nemincili ngenxa yeJerusalem,ndithatheke ndidlokove ngabantu bam.Khona soze sibe saviwa isijwili;ukufixiza nesilokozi ziya kuphela tu.
20 “Nokufa kweentsana kuya kunqamka;abantu bokhula bade bakhokhobe.Umntu ofe enekhulu leminyakauya kunconywa ngokuf' emncinci;kanti ke ongafikelelanga ekhulwiniyena kothiwa wambethwe lishwangusha.
21 Imizi abayakhayo abantu boyima;baya kutyala izidiliya, bazitye iziqhamo zazo.
22 Imizi abayakhayo ayiyi kumiwa ngabanye,nezinto abazilimileyo zingaxhatshazwa ngabanye.Kwanjengobude bobomi bemithi yoba njalo nemihla yabantu bam;ewe, abanyulwa bam baya kuwuxhamla ngenene umsebenzi wezandla zabo.
23 Bona abasayi kusebenzela ilize,bengasayi kuzalela isithwakumbe;koko boba ngabantu abathamsanqelweyo nguNdikhoyo,ngokunjalo nezizukulwana zabo.
24 Mna ndosabela bengekakhali nokukhala;ndobeva besathetha nje kuphela.
25 Ingcuka netakane ziya kutya ndawonye,ingonyama igramze ingca njengenkomo,yona inyoka itye uthuli.Inene akusayi kubakho owonayo notshabalalisayoeZiyon intaba yam eyodwa.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.