1 *UNdikhoyo ke uthethe wenjenje:“Izulu lona likomkhulu lam;ihlabathi ke lona ngamathânga am.Ndluni ke leyo ningandakhela yona?Yiyiphi indawo endingade ndiphumle kuyo?
2 Kaloku zidalwe ndim zonke ezi zinto;zikho nje ziphuma kwezi zandla.”Ewe, utsho uNdikhoyo.“Ke yena umntu ondikholisayongulo uzithobayo nozohlwayayo –nditsho ondihlonela ngentobeko.
3 Kambe owenza intando yakhe,noba uxhel' inkomo yedini,nqwa nesibulala mntu;noba wenza umnikelo ngegusha,umatwa nowenz' idini ngenja;noba wenza umnikelo weenkozo,nqwa nobingelela ngegazi lehagu;ewe, noba undenzela isiqhumiso,ufana nonqula *umfanekiso.Izinto ezimanyumnyezi zizo azilangazelelayo.
4 Ke abenjenjalo ndiza kubazisela ishwangusha,ndibathobele ezi zinto bazoyika gqitha,kuba ndibe ngakhwaza abasabela,ndaba ngathetha bona abaphulaphula,suka benza izinto ezingamanyondololo,bakhetha ezo zinto ndingazithandiyo.”
5 Ke nina balihlonelayo ilizwi lakhe,uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo:“Ngenxa yokunyaniseka kwenu kumabanye kumawenu banithiyile.Abasanifuni nganto;ungafika beningcikiva besithi:‘UNdikhoyo makabonakalise ubukhulu bakhe;ewe, makanisindise sibone kaloku,nathi khe sinibukele nonwabile.’Kambe ke ngabo abaza kungena ehlazweni.