14 Notsho nivuye xa isenzeka le nto;nosuka nihlume nihlaziyeke njengengca.Ngenene niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyabanceda abamthobelayo,nokuba ingqumbo yakhe iphezu kweentshaba zakhe.
15 Nanko uNdikhoyo esiza, edangazela njengomlilo;iinqwelo zakhe zilatyuza njengesaqhwithi.Umsindo wakhe uza kwenza iziqwenga,akhalime ngamalangatye omlilo.
16 UNdikhoyo uza kugweba ngomlilo olenyayo,uluntu aluhlasele ngomkhonto wakhe;ewe, baninzi aya kubatshabalalisa.
17 *UNdikhoyo uthi: “Abo bazikhethayo bazihlambulule, abo benze imingcelele emiyezweni, abatya oozinyama zeehagu, iimpuku, nazo zonke izidlo ezingàtyiwayo ngabantu bam, baya kufa kunye.
18 Ndiyazazi iingcinga nezenzo zabo. Ngoko ke ndiyeza; ndiza kuziqokelela zonke izizwe. Zakufika ke ziya kuwabona amandla am.
19 “Kambe ke ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndibasindise abanye bazo, ndibathumele kwiintlanga ezikude, ezo zingazange zive ngodumo lwam, zingawabonanga amandla nobungangamsha bam: eTashishe, eLibhiya, naseLidiya – kwezo ncutshe zeentolo – eTubhali, nakwelamaGrike. Phakathi kwezi ntlanga ke bobubhengeza ubungangamsha bam.
20 Kwezi ntlanga ke bobuya nawo amawenu abe njengomnikelo kum. Bobuya nawo beze nawo entabeni yam eyodwa eJerusalem. Baya kuza behamba ngamahashe neemeyile neenkamela, bekhwele ezinqwelweni nasezikhotshini, oku kwamaSirayeli esizisa umnikelo weenkozo endlwini kaThixo, ewuphethe ngezitya ezifanelekileyo.