4 Ke abenjenjalo ndiza kubazisela ishwangusha,ndibathobele ezi zinto bazoyika gqitha,kuba ndibe ngakhwaza abasabela,ndaba ngathetha bona abaphulaphula,suka benza izinto ezingamanyondololo,bakhetha ezo zinto ndingazithandiyo.”
5 Ke nina balihlonelayo ilizwi lakhe,uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo:“Ngenxa yokunyaniseka kwenu kumabanye kumawenu banithiyile.Abasanifuni nganto;ungafika beningcikiva besithi:‘UNdikhoyo makabonakalise ubukhulu bakhe;ewe, makanisindise sibone kaloku,nathi khe sinibukele nonwabile.’Kambe ke ngabo abaza kungena ehlazweni.
6 Niyayiva loo ngxokolo esixekweni phaya,loo ngxolo ivakala endlwini kaThixo?NguNdikhoyo ngenkqu ke lowo,iintshaba zakhe uziphakela impindezelo.
7 “Suka isixeko sam safana nomfaziosuke wabeleka engekalunywa;ewe, engakhange eve nenimba le,suka yena watsho ngenkwenkwe.
8 Wakha wayiva phi ke into enjalo?Sakhe sabonwa phi isimanga esinjalo?Sisizwe saphi esivela ngamini-nye?Sizwe sini esiqingqwa ngomzuzwana nje?Ewe, akuyi kuba kudala iZiyon ilunywa,ingasivelisanga isizwe,ingambelekanga lo mntwana.
9 Njengoko indim umseki wenimba,ikwandim umbelekisi.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.
10 Vuyisanani nigcobe neJerusalem,nonke nina basithandayo esi sixeko.Qakathani nivuyisane naso kaloku,nonke nina bebekade besililela.