1 *UNdikhoyo wathetha nam wathi: “Thatha ithwathwa elikhulu lokubhala, ubhale cacileyo uthi: ‘Phangamaxhoba.’
2 Ngokunjalo ke thatha amadoda amabini athembekileyo, umbingeleli u-Uriya noZakariya unyana kaYebherekiya, abe ngamangqina am.”
3 Emva koko ke inkosikazi yam yakhawula, yaza yazala unyana. UNdikhoyo ke wathi igama lakhe malibe nguPhangamaxhoba.
4 Waqhuba wathi: “Kothi loo nkwenkwe ingekakwazi nokuthi: ‘Mama,’ okanye: ‘Tata,’ bube bonke ubutyebi baseDamasko, ngokunjalo namaxhoba aseSamariya, selethathwe ngukumkani waseAsiriya.”