13 Kodwa suka abantu abazisola;hayi, ababuyelanga kumohlwayi,abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.
14 Ngoko ke uNdikhoyo wosuka amohlwaye uSirayeli:uya kumnquml' intloko, amgumpul' umsila;uya kuncothul' isundu, asiphul' ingcongolo.
15 Intloko ke ngabadala nezihandiba;wona umsila ngabashumayeli bobuxoki.
16 Kaloku aba bantu bayalahlekiswa;ewe, bona bayaphuphuthekiswa.
17 UNdikhoyo ke akasabakhathalele nabafana,akayi kuthi thiki nangabahlolokazi neenkedama,kuba bonke zintw' ezingento, bakhohlakele,imilomo yabo iphuphum' ububi.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
18 Kaloku inkohlakalo yabantu ivutha njengomlilo;ileny' inkunzane ngokunjalo nobobo,idangazel' okomlilo wehlathi,ithunquza okwentshinyela yomsi.
19 Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onkeeli lizwe liza kuvutha,umlilo udangazeliswe ngabantu,kungabikho nonak' umntakwabo.