10 Esibhakabhakeni iinkwenkwezi namaqela azozosuka zifiphale zingabi nakukhanya.Ke lona ilanga lophuma lizilile,nenyanga ngokwayo iya kugungxa.
11 Ihlabathi ndilizisela isithwakumbe,ndibohlwaye abantu ngenxa yezono zabo,ndilinqamle ikratshi labazikhukhumalisayo,ziwe bhaxa izibhoja eziqholosayo.
12 Amadoda oba njengegolide ukunqaba;ewe, abantu bonqaba kunegolide yaseOfire.
13 Amazulu ndiya kuwangcangcazelisa,umhlaba utsho unyikime endaweni yawongomhla wengqumbo kaNdikhoyo uSomandla-onke,ngemin' enzima yomsindo ovuthayo.
14 Baya kufana nenxala elizingelwayoneegusha ezibhadula ziding' ozalusayo.Elowo uya kubhenela kumawabo,umntu ngamnye asabele kwelakowabo.
15 Lowo ufunyenweyo uya kuhlatyaniselwa;bonke ababanjiweyo baya kubulawa.
16 Iintsana zabo ziya kuntlekezwa,abazali bebukele ngawabo amehlo.Imizi yabo iya kuphangwa,nakubafazi ke kube yiloo nto.