11 Ihlabathi ndilizisela isithwakumbe,ndibohlwaye abantu ngenxa yezono zabo,ndilinqamle ikratshi labazikhukhumalisayo,ziwe bhaxa izibhoja eziqholosayo.
12 Amadoda oba njengegolide ukunqaba;ewe, abantu bonqaba kunegolide yaseOfire.
13 Amazulu ndiya kuwangcangcazelisa,umhlaba utsho unyikime endaweni yawongomhla wengqumbo kaNdikhoyo uSomandla-onke,ngemin' enzima yomsindo ovuthayo.
14 Baya kufana nenxala elizingelwayoneegusha ezibhadula ziding' ozalusayo.Elowo uya kubhenela kumawabo,umntu ngamnye asabele kwelakowabo.
15 Lowo ufunyenweyo uya kuhlatyaniselwa;bonke ababanjiweyo baya kubulawa.
16 Iintsana zabo ziya kuntlekezwa,abazali bebukele ngawabo amehlo.Imizi yabo iya kuphangwa,nakubafazi ke kube yiloo nto.
17 Ndiza kubaxhokonxela amaMedi;wona akakhathalele nasiliva,engenaxesha layo negolide.