8 Bonke ke bosuka bee nkamalala;bosuka babhinyalaze bezibhija-bhija;bopena-pena ngathi ngumfazi olunywayo.Baya kukrwaqulana bethe khumnqa;ewe, boba sebenyoshoza ziintloni.
9 Ngenene imini kaNdikhoyo ifikile;yona yimin' enzima yengqumbo,elo lizwe loxusheka litsho libe yinkangala;bonke abakhohlakeleyo kulo batshatyalaliswe.
10 Esibhakabhakeni iinkwenkwezi namaqela azozosuka zifiphale zingabi nakukhanya.Ke lona ilanga lophuma lizilile,nenyanga ngokwayo iya kugungxa.
11 Ihlabathi ndilizisela isithwakumbe,ndibohlwaye abantu ngenxa yezono zabo,ndilinqamle ikratshi labazikhukhumalisayo,ziwe bhaxa izibhoja eziqholosayo.
12 Amadoda oba njengegolide ukunqaba;ewe, abantu bonqaba kunegolide yaseOfire.
13 Amazulu ndiya kuwangcangcazelisa,umhlaba utsho unyikime endaweni yawongomhla wengqumbo kaNdikhoyo uSomandla-onke,ngemin' enzima yomsindo ovuthayo.
14 Baya kufana nenxala elizingelwayoneegusha ezibhadula ziding' ozalusayo.Elowo uya kubhenela kumawabo,umntu ngamnye asabele kwelakowabo.