12 UNdikhoyo wathi kwiSidon:“Liphelil' ixesha leziyolo, Sidon;ubuntombi bakho bonakele.Ningade nisabele kwelamaKiti,kodwa nalapho akukho buyambo.”
13 Khangelani elamaKaledi,namhlanje alisento yanto.Ama-Asiriya alenza laphutha,latsho layintlango yezilwanyana.Suka balirhawula neemboniselo zalo,avuthulula zinqaba,alitsho langamabhodlo.
14 Bhombolozani, zinqanawa zaseTashishe,inqaba elithemba lenu itshabalele!
15 Yona iTire ihlalele ukungena kwelokulibala. Yoba sisixhenxe samashumi eminyaka ingasakhunjulwa, xesha elo ke libubomi bokumkani. Emva kwaloo minyaka ke iTire kuya kuculwa ngayo njengehenyukazi, kuthiwe:
16 “Thath' isigingci ujikelez' isixeko,henyukazindin' eselide laphutha.Sikhalise untyiloze ngengoma kwakhona,ukuze ubuye udle ngendeb' endala.”
17 Emva kwaloo minyaka ingamashumi asixhenxe uNdikhoyo iTire woyibuyisela kwaushishino lwayo lwamandulo, uhenyuzo, ize iziqeshise kuzo zonke izikumkani zehlabathi.
18 Loo mali ke iyizuze kwezorhwebo iya kuyinikela kwezikaNdikhoyo. Ewe, loo mali ayiyi kugcinwa, koko iya kusetyenziswa ngâbo banqula uNdikhoyo, bathenge ukutya nezingayiwayo izinxibo.