16 Beza kuwe ekuxakekeni kwabo;uthe ke wakubohlwaya, Ndikhoyo,suka bakhala bazibika kuwe.
17 Ewe, usitsho sanga ngumfazi,nditsho ojutyalaziswa yinimbalakuba lifikile ixesha lakhe,nathi ke sitsho sajubalaza sapena-pena
18 phambi kwakho, Ndikhoyo.Suka saphithizela ngathi siyalunywa,phofu kuthe kanti yigalimoya.Kaloku asiluhambisanga usindiso;asibandisanga abantu emhlabeni.
19 Abangasekhoyo bakho, Ndikhoyo,bona bobuya bavuke;kuya kuvuka bona ngenkqu, badle ubomi –nditsho bonke abalinde emadlakeni,bothi khwaphululu batsholoze ngemincili.Njengombethe unyephisa umhlabauNdikhoyo ke uya kwenjenjaloukubavusa abo basishiya mandulo.
20 Ngenan' emagumbini enu, bantu bam;ewe, ngenani nizivalele kaloku,nikhe nizifihle okomzuzwana nje,ide ithothe le ngqumbo yakhe.
21 Kaloku uNdikhoyo yena uyeza;wosuka aphume ekhayeni lakhe,aze kubohlwaya abemi behlabathi,kuba kaloku bona basuke bona.Nomhlaba ngokwawo wosuka uthetheuwaxele amagazi aphalele kuwo;wosuka ubaveze abo babulawayo.