16 *UNdikhoyo uyathetha, uthi:“Asikratshi kubafazi baseJerusalem!Bafathula nje, beqhiwul' iintamo.Ungafika belaqaza, becel' injezu.Ewe, nâbo bechul' ukunyathela,bekrocozisa loo miliza yabo.
17 Ewe, ndiza kubagugula iinwele,ndibarhawule ngesikhakh' entloko,batsho ngaloo mabunzi achengezelayo.”
18 Ewe, uyeza umhla apho iNkosi iya kubohlutha konke abazidla ngako abafazi baseJerusalem – nditsho loo miliza bayinxibayo, naloo malaphu bawathwalayo, amaso ngokunjalo,
19 neebhengile namacici. Iya kuzisusa izigqubuthelo zabo,
20 iminqwazi, izacholo zamaqatha, imitya ehonjisiweyo esinqeni, amaso anesiqholo, kunye namakhubalo.
21 Iya kuyohlutha naloo misesane bayifaka eminweni nasezimpumlweni,
22 nditsho zonke iingubo, imiwundu-wundu neelokhwe, ngokunjalo nezipaji,