1 Ke kaloku wathi akuziva ezi ndaba ukumkani uHezekiya, suka wakhathazeka, wazikrazula izambatho zakhe, wanxiba ezirhwexayo zokuzila, waya endlwini *kaNdikhoyo.
2 Wathuma uEliyakim umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye nababingeleli abaphambili, bonke benxibe ezirhwexayo zokuzila, wathi mabaye *kumshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi.
3 Baya, bafika bathi: “UHezekiya uthi: ‘Lo ngumhla wenkxwaleko, impoxo, nehlazo. Sifana nomfazi ofikelwe lixesha lakhe lokuzala, kodwa engenawo amandla okujongana naloo meko.
4 Makube uNdikhoyo uThixo wakho uwevile onke amazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi leyo ibithunywe yinkosi yayo ukumkani waseAsiriya ukuze ize kuphoxisa ngoThixo ophilayo. Ngamana yakhalinyelwa ngenxa yamazwi aweve ngokwakhe uNdikhoyo uThixo wakho. Ngoko ke nceda uthandazele amasalela asindileyo.’ ”
5 Athe ke akufika kuIsaya loo maphakathi kakumkani uHezekiya,