6 UNdikhoyo uKumkani kaSirayeli noMkhululi wakhe,nditsho uSomandla-onke, uthi:“Ndingowokuqala;ndikwangowokugqibela;akukho Thixo wumbi ngaphandle kwam.
7 Kakade ngubani onjengam? Makavele!Makakuvakalise kaloku okwênzekáyookoko ndamisela abantu bam mandulo.Makazixele iziganeko ezizayo;ewe, makazixele!
8 Sanukuphakuzela, musan' ukuxhalaba;kaloku ndatsho kwamandulo, unangoku ke.Kambe nina ningamangqina am.Ngaba kukho Thixo wumbi na?Ngaba likho na elinye iXhadi?Unotshe! Mna andizange ndilibone.”
9 Akanto yanto umntu oqingqa *umfanekiso; naloo mfanekiso azidla ngawo yimfeketho. Abo bayithelelayo ziimfama; abaliqondi ihlazo labo.
10 Kunceda ntoni ukuqingqa umfanekiso uwenze *uthixo?
11 Wonke umntu owenza loo nto uhlazekile. Andithi na kaloku le mifanekiso iqingqwa ngabantu? Mabeze enkundleni kaloku, uya kubona bosuka barhwaqele – abakho lihlazo.
12 Umkhandi uthatha ubhedu, alusebenze ngomlilo. Ngezo zigalo zakhe uthatha isando, alukhande elulungisa. Esasebenza njalo uyanxanwa, uyalamba, uyadinwa, yonke loo nto.