4 “Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.Ngenene thina besiba ubandezelekile,sisithi uyabethwa nguThixo.
5 Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;thina sinyangwe ngamanxeba akhe.
6 Sonke salahleka njengeegusha,elowo wabhadula ngeyakhe indlela;ke yena uNdikhoyo wamwisela ngobugwenxa bethu sonke.
7 “Ewe, yena waphathwa gadalala,kodwa wathi cwaka, akakhalaza tu.Waba njengexhwane eliya kuxhelwa,wathi cwaka njengegusha ichetywa;ewe, akawuvulanga umlomo wakhe.
8 Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo.Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto?Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo;wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.
9 Engcwabeni walala nezikhohlakali,ngokunjalo nesityebi ekufeni kwakhe,nakuba wayengenzanga lugonyamelo,engazange waba ngokhohlisayo.”
10 Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe,khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono.Ngoko ke wobona nezizukulwana;uya kukhula ade akhokhobe;ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.