5 ndonenzela isikhumbuzo negama endlwini yam,elingaphezu kokuba noonyana neentombi,nditsho igama elingasoze litshitshe.
6 Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo,ezizinikeleyo kuye zimsebenzela,ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe,lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla,umntu ongawudeliyo awuxabhele,owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –
7 abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa,bonwabe endlwini yam yokuthandaza.Amadini abo atshiswayo kunye neminikeloaya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini.Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke.”
8 Utsho ke uMhlekazi uNdikhoyo,nditsho umqokeleli weembacu zikaSirayeli:“Ndisaza kuqokelela nabanyengaphandle kwâbo sendibaqokelele.”
9 Yizani nonke, marhamncwa, nibaqwenge,nina zinyamakazi nezilo zamahlathi.
10 Kaloku iinkokheli zabo aziboni,zizonke nje zititsekilenqwa nezinja ezimumekileyo,nditsho izinja ezingakhonkothiyo,ezibhuqa-bhuqeka zide ziphuphe,ezilangazelela ubuthongo kuphela.
11 Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka;zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi.Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba;zonke zenza ngokuzithandela;ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.