1 Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi *uNdikhoyo,kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,ndibophe abantliziyo zingamahlwili,ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,ndazise inkululeko kumabanjwa.
2 Undithume ukuba ndivakalise ndithiuthwasile unyaka wobabalo lukaNdikhoyo,umhla wempindezelo yoThixo wethu.Uthi mandithuthuzele abo banesingqala;
3 ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama,intambiso yolonwabo endaweni yokulila,ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa.Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa,imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe,ukuze baphuhlise isihomo sakhe.
4 Bona baya kuzivusa izixeko zamandulo,bawavumbulule namabhodlo asel' adilizwa.Baya kuzakha izixeko esezingamabobosi,ezo zatshatyalaliswa kwizizukulwana ezadlulayo.
5 Ke zona iintlanga ziya kwalusa imihlambi yenu,zilime amasimi, zijonge nezidiliya zenu.
6 Ke nina noba ngababingeleli bakaNdikhoyo;niya kuba zizicaka zikaThixo wethu;niya kubuxhamla ubutyebi bezizwe,nitsho nizingce niqhayise ngabo.