6 Ke nina noba ngababingeleli bakaNdikhoyo;niya kuba zizicaka zikaThixo wethu;niya kubuxhamla ubutyebi bezizwe,nitsho nizingce niqhayise ngabo.
7 Endaweni yokuhlazeka abantu bam bofumana isabelo esiphinda-phindiweyo,endaweni yokunyoshoza bofumana ilifa elonwabisayo;ewe, boba nenxaxheba yelifa eliphinda-phindiweyo kwelakowabo,bahlale ngolonwabo olungasoze luthini.
8 Ke yena uNdikhoyo uthi:“Mna Ndikhoyo ndithanda impatho enolungelelwano;ndikuthiyile ukuphanga nobubhovu-bhovu.Ndingothembekileyo nje, abantu bam ndobanika umvuzo,ndibenzele umnqophiso ongasoz' uthini.
9 Isizukulwana sabo soba ngoodumezweni,inzala yabo yaziwe naziintlanga.Bonke abababonayo baya kuvuma bathi:‘Luhlanga oluthamsanqelweyo nguNdikhoyo.’ ”
10 Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.
11 Kwanjengokuba umhlaba uyintshulisa imbewu,zitsho zikhule nezityalo ezisemyezweni,noMhlekazi uNdikhoyo wotyala ubulungisa nendumiso,zintshule zikhule kuzo zonke izizwe.