6 UNdikhoyo uthi:“Uyabona ke, sendigqibe konke,ibe ke andiyi kuthi cwaka;isohlwayo sabo sesijinga phezu kwabo;ngoko ndiya kubabuyekeza
7 ngenxa yezabo nezono zooyise.Kaloku bênza iziqhumiso ezindulini,baza ke mna bandingcikiva.Ngoko ke ndobabuyekeza kangangoko,ndibohlwaye ngezono zabo.”
8 UNdikhoyo uyathetha, uthi:“Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini.Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.
9 Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi;abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam,iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam –ziya kuma kuzo izicaka zam.
10 ISharon yoba lidlelo lempahla,iinkomo ziphumle kwintili yeAkore;ezo ke zezabantu abalangazelela intando yam.
11 “Ke nina bamfulathelayo uNdikhoyo,abangayikhathaleleyo intaba yam eyodwa iZiyon –nina banqula uGadi noMeni, *izithixo zelaka nekamva –
12 nina nimiselwe ikrele;ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa.Kaloku anisabelanga ndakunibiza,aniphulaphulanga naxa ndithetha;suka nakhetha ukwenza ububindaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”